Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 2:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.

5. Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim;* babingelela apho kuYehova.

6. Ke kaloku okuyá uYoshuwa wabandululáyo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balimé ilizwe.

7. Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.

8. Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.

9. Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.

10. Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.

11. Oonyana bakaSirayeli benza ubui emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali.*

12. Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova.

13. Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti.

14. Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 2