Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 19:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wayigcina uyise womfazi, uyise wentombazana leyo; yahlala naye imihla yamithathu, badla, basela, balala khona.

5. Kwathi ngomhla wesiné, bavuka kusasa; yesuka yona ukuba imke. Wathi uyise wentombazana kumyeni wayo, Khawuxhase intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, nandule ukuhamba.

6. Bahlala ke badla bobabini ndawonye, basela. Wathi uyise wentombazana kwindoda, Makhe kukholeke kuwe, ulale, ichwayithe intliziyo yakho.

7. Yesuka indoda leyo ukuba ihambe; wayijoka uyise womkayo, yabuya yalala khona.

8. Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe. Wathi uyise wentombazana, Khawuxhase intliziyo yakho, nizilazile ide ijike imini; badla ke bobabini.

9. Yesuka indoda ukuba imke, yona neshweshwe layo nomfana wakuyo. Wathi kuyo uyise womkayo, uyise wentombazana, Khawukhangele, imini iyemka, kuyahlwa; khanilale; yabona, imini isangene; lala apha, ichwayithe intliziyo yakho, nivuke kusasa ngomso, nihambe ngendlela yenu, uye ententeni yakho.

10. Àyavuma ukulala indoda leyo, yesuka yemka; yafika malungana neYebhusi (yiYerusalem ke leyo), inamaesile amabini ebotshiwe, ineshweshwe layo.

11. Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.

12. Yathi kuye inkosi yakhe, Asiyi kuphambukela apha kumzi wolunye uhlanga, ongengowoonyana bakaSirayeli; sodlula siye eGibheha.

13. Yathi kumfana wakuyo, Yiza, sisondele kweny indawo, silale; nokuba kuseGibheha, nokuba kuseRama.

14. Bagqitha, bahamba; batshonelwa lilanga ecaleni laseGibheha yakwaBhenjamin.

15. Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 19