Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 19:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.

16. Kwathi thu indoda enkulu ivela emsebenzini wayo emasimini, ngokuhlwa; iyindoda yelasezintabeni lakwaEfrayim, ingumphambukeli eGibheha. Ke amadoda aloo mzi abengamaBhenjamin.

17. Yawaphakamisa amehlo ayo, yabona ndoda ingumhambi endaweni yokubutha kwamadoda omzi, yathi indoda enkulu leyo, Ùya ngaphi na? Ùvela phi na?

18. Yathi kuyo, Siyagqitha, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; endingowakhona. Ndibe ndihambele eBhetelehem yakwaYuda, ngoku ndihambela endlwini kaYehova. Akukho bani ke undamkelela endlwini yakhe apha;

19. kanti ke sinomququ kwaneendiza zamaesile ethu, nesonka newayini eyiyeyam, nomkhonzazana wakho, nomfana okubakhonzi bakho; akusweleke nto.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 19