Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 18:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mihla kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngaloo mihla isizwe sakwaDan besizifunela ilifa lendawo yokuhlala; ngokuba kwada kwanguloo mhla, sibe sona singabelwanga lifa ngeqashiso, phakathi kwesizwe sakwaSirayeli.

2. Oonyana bakaDan besusa kumlibo wakowabo amadoda amahlanu, evela kwinani lawo lonke, amadoda anobukroti aseTsora nase-Eshtawoli, ukuba alihlole ilizwe, aligocagoce. Bathi kuwo, Hambani niligocagoce ilizwe. Afika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, alala khona.

3. Akubona ukuba angasendlwini kaMika, alifanisa ilizwi lendodana engumLevi, aphambukela khona, athi kuye, Ùziswe ngubani na apha? Wenza ntoni na kule ndawo? Ungantoni na apha?

4. Yathi kuwo, Wenjenje, wenjenje uMika kum; wandiqesha, ndaba ngumbingeleli kuye.

5. Athi kuyo, Khawubuze kuThixo, sazi ukuba iya kuba nempumelelo na indlela yethu esihambela yona.

6. Wathi umbingeleli kuwo, Hambani ninoxolo, iphambi koYehova indlela yenu eniya kuhamba ngayo.

7. Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe; ababona abantu abaphakathi kwayo, behleli bonwabile ngokwesiko lamaTsidon, bezolile, bonwabile; kungekho uwona nganto kubaphathi belo zwe; babekude kumaTsidon, bengatheni nabani.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 18