Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 17:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona.

8. Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo.

9. Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo.

10. Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo.

11. Kwakholeka kumLevi ukuhlala nale ndoda. Loo mfana waba njengomnye woonyana bayo kuyo.

12. Wammisela uMika umLevi lowo, waba ngumbingeleli kuye umfana lowo; waba sendlwini kaMika.

13. Wathi uMika, Kaloku ndiyazi ukuba uYehova uya kundenzela okulungileyo; ngokuba ndinombingeleli ongumLevi.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 17