Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 16:1-2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1-2. USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala. Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala.

3. Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron.

4. Kwathi emveni koko, wathanda inkazana esihlanjeni saseSoreki, igama layo linguDelila.

5. Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singámeyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe; sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere.

6. Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhónkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe?

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 16