Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 16:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. UDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Ke abalaleli babehleli egumbini. Wazijaca emikhonweni yakhe njengomsonto.

13. Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa; ndíxelele, ungakhónkxwa ngantoni na? Wathi kuye, Ukuba uthe waluka izihlwitha ezisixhenxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.

14. Waziqinisa ngesikhonkwane, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni bakhe, wasincothula isikhonkwane sokuluka kwanemisonto yaso.

15. Wathi kuye, Ungáthini na ukuthi ùyandithanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undikhohlisile ezi zihlandlo zozithathu, akwandixelela ukuba asenini na la mandla akho angaka.

16. Kwathi, akumxina ngamazwi akhe zonke iimini, emmele, wakhathazeka umphefumlo wakhe, wasingisa ekufeni.

17. Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.

18. Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba úndixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo.

19. Wamlalisa emathangéni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye.

20. Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 16