Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 15:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.

2. Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.

3. Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.

4. Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.

5. Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.

6. Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenzé oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.

7. Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 15