Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 14:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.

18. Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo,Ukuba beningalimanga ngethokazi lam,Ngeningalifumananga iqhina lam.

19. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.

20. Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 14