Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 13:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana.

4. Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi.

5. Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.

6. Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.

7. Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo.

8. Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam; umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.

9. Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 13