Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 12:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.

3. Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?

4. Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.

5. AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi, athi kuye,

6. Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omané anamabini.

7. UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 12