Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 12:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uElon, umZebhulon; wawalawula amaSirayeli iminyaka elishumi.

12. Wafa ke uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon, ezweni lakwaZebhulon.

13. Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uAbhedon, unyana kaHileli, wasePiraton.

14. Waye enoonyana abamashumi mané, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo.

15. Wafa ke uAbhedon unyana kaHileli, wasePiraton, wangcwatyelwa ePiraton ezweni lakwaEfrayim, kweleentaba lama-Amaleki.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 12