Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 12:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho.

2. Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.

3. Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?

4. Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 12