Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 11:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta.

2. UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.

3. Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.

4. Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.

5. Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;

6. athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.

7. Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyáyo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?

8. Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, Kukho kaloku le nto sibuyela kuwe, ukuba uhambe nathi, ulwe noonyana baka-Amon, ube yintloko kuthi, kubemi bonke baseGiliyadi.

9. Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Ukuba nithe nandibuyisa, ukuze ndilwe noonyana baka-Amon, uYehova wabanikela kum, mna ndoba yintloko kuni na?

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 11