Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 11:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta.

2. UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.

3. Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.

4. Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.

5. Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;

6. athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 11