Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 10:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim; wawasindisa amaSirayeli.

2. Wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamithathu; wafa, wangcwatyelwa eShamire.

3. Emva kwakhe kwavela uYahire umGiliyadi, wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini.

4. Wayenoonyana abamashumi mathathu, abakhwela emaesileni amatsha amashumi mathathu, benemizi emashumi mathathu, ekuthiwa yiHavoti-yahire* yona unanamhla, esezweni laseGiliyadi.

5. Wafa uYahire, wangcwatyelwa eKamon.

6. Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali,* nooAshtaroti,* noothixo bakwa-Aram,* noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, àbamkhonza.

7. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon.

8. Babaguba babacola oonyana bakaSirayeli kwangaloo mnyaka; babacola iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli, ababephesheya kweYordan ezweni lama-Amori eliseGiliyadi.

9. Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.

10. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 10