Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 1:7-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjénjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.

8. Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.

9. Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.

10. Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.

11. Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.

12. Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

13. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

14. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

15. Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.

16. Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.

17. Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.

18. UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo.

19. UYehova waye enoYuda, wabagqogqa abeentaba; kodwa ebengenako ukubagqogqa abemi bentili, ngokuba baye beneenqwelo zesinyithi.

20. Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki.

21. Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.

22. Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.

23. Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.

24. Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 1