Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 1:11-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.

12. Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.

13. Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.

14. Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?

15. Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undiniké umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.

16. Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.

17. Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.

18. UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo.

19. UYehova waye enoYuda, wabagqogqa abeentaba; kodwa ebengenako ukubagqogqa abemi bentili, ngokuba baye beneenqwelo zesinyithi.

20. Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki.

21. Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.

22. Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.

23. Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.

24. Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.

25. Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.

26. Waya loo mntu ezweni lamaHeti, wákha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; ligama lawo unanamhla.

27. UManase akayigqogqanga iBheteshehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIblam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.

28. Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, àkawagqogqa awagqibe.

29. UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.

30. UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 1