Testamente Endala

Testamente Entsha

Abagwebi 1:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?

2. Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.

3. Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.

4. Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela amaKanan namaPerizi esandleni sabo. Bawabulala eBhezeki amadoda angamawaka alishumi.

5. UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.

6. Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.

7. Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjénjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.

8. Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.

9. Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.

10. Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.

funda isahluko epheleleyo Abagwebi 1