Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 24:9-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda.

10. Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenzé ngobudenge obukhulu.

11. Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,

12. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

13. Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzèlwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usábe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kúbekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, úlenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.

14. Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

15. UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.

16. Saza isithunywa sesa isandla saso kwiYerusalem, ukuba siyitshabalalise; wazohlwaya uYehova ngenxa yobubi obo, wathi kwisithunywa eso sìtshabalalisa abantu, Kwanele; sithobe kaloku isandla sakho.Ke kaloku isithunywa sikaYehova besisesandéni sika-Aravena umYebhusi.

17. Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.

18. Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandéni sika-Aravena umYebhusi.

19. Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.

20. Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.

21. Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isandá kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.

22. Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.

23. Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, uYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 24