Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 24:6-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. baya eGiliyadi nasezweni laseTatim-hodeshe, baya nakwaDan-yahan, bajikelezela kowakwaTsidon;

7. baya nasenqabeni yaseTire, nasemizini yonke yamaHivi neyamaKanan; baya baphuma kwelisezantsi lakwaYuda eBher-shebha.

8. Balityhutyha ke lonke ilizwe, beza eYerusalem ekupheleni kweenyanga ezisithoba ezineentsuku ezimashumi mabini.

9. UYowabhi wamnika ke ukumkani inani lokubalwa kwabantu: aza amaSirayeli aba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda anobukroti, arhola ikrele; amadoda akwaYuda aba ngamakhulu amahlanu amawaka amadoda.

10. Yakhathazeka intliziyo kaDavide emveni kokuba ebabalile abantu. Wathi uDavide kuYehova, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise, Yehova, ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenzé ngobudenge obukhulu.

11. Wavuka kusasa uDavide; ilizwi likaYehova lafika kuGadi umprofeti, imboni kaDavide, lisithi,

12. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikumisela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

13. Waya ke uGadi kuDavide, wamxelela, wathi kuye, Uzèlwe sisixhenxe seminyaka yendlala ezweni lakho na? Usábe phambi kweentshaba zakho iinyanga zibe ntathu, zikusukela, kusini na? Kúbekho indyikitya yokufa iimini ezintathu ezweni lakho, kusini na? Yazi ngoku, úlenze ilizwi endombuyisela lona ondithumileyo.

14. Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene. Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

15. UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli, yathabathela ekuseni yesa kwixa lentlanganiso; kwafa ebantwini, bethabathela kwaDan bese eBher-shebha, amashumi asixhenxe amawaka amadoda.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 24