Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 24:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathetha uDavide kuYehova akusibona isithunywa eso sibetha ebantwini, wathi, Ùyabona, ndonile mna, ndenzé ngobugwenxa mna; umhlambi lo wona wenzé ntoni na? Isandla sakho masibe phezu kwam nendlu kabawo.

18. Waya ke uGadi kuDavide ngaloo mini, wathi kuye, Nyuka, uye ummisele uYehova isibingelelo esandéni sika-Aravena umYebhusi.

19. Wenyuka uDavide ngokwelizwi likaGadi, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako.

20. Walunguza uAravena, wambona ukumkani nabakhonzi bakhe besiza kuye. Waphuma uAravena, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni.

21. Wathi uAravena, Izelani na inkosi yam ukumkani kumkhonzi wayo? Wathi uDavide, Ndiza kuthenga isandá kuwe, ukuba ndakhele uYehova isibingelelo, sithintelwe isibetho ebantwini.

22. Wathi uAravena kuDavide, Mayithabathe inkosi yam ukumkani, inyuse okulungileyo emehlweni ayo. Nanzi iinkomo zedini elinyukayo, neempahla zokubhula needyokhwe zeenkomo zokuba ziinkuni.

23. Zonke ezi zinto, kumkani, uAravena uzinika ukumkani. Wathi uAravena kukumkani, uYehova uThixo wakho makakholiswe nguwe.

24. Wathi ukumkani kuAravena, Hayi, ndiya kusithenga ngexabiso kuwe; andiyi kunyusa ndise kuYehova uThixo wam amadini anyukayo endiwazuze ngelizé. Wasithenga ke uDavide isandá neenkomo ezo ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.

25. Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo. Wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe; sathintelwa isibetho kumaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 24