Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:42-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;KuYehova, angabaphenduli.

43. Ndibacola njengothuli lomhlaba,Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.

44. Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.

45. Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa,Bandithòbele besave ngeendlebe.

46. Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya,Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.

47. UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.

48. UloThixo undiphindezelayo,Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,

49. Undikhuphayo ezintshabeni zam;Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum;Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22