Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:40-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Ùndibhinqise ukukhaliphela imfazwe,Ùbaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.

41. Iintshaba zam uzenzé zandinikela ikhosi,Abandithiyayo ndababhangisa.

42. Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;KuYehova, angabaphenduli.

43. Ndibacola njengothuli lomhlaba,Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.

44. Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.

45. Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa,Bandithòbele besave ngeendlebe.

46. Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya,Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.

47. UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.

48. UloThixo undiphindezelayo,Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,

49. Undikhuphayo ezintshabeni zam;Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum;Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.

50. Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,Ndivume kwigama lakho.

51. Ulokhulisa usindiso lokumkani wakhe;Owenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22