Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:36-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ùndinike ingweletshetshe yosindiso lwakho,Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.

37. Ùwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.

38. Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise,Ndingabuyi zide ziphele.

39. Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki,Ziwe phantsi kweenyawo zam.

40. Ùndibhinqise ukukhaliphela imfazwe,Ùbaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.

41. Iintshaba zam uzenzé zandinikela ikhosi,Abandithiyayo ndababhangisa.

42. Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;KuYehova, angabaphenduli.

43. Ndibacola njengothuli lomhlaba,Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.

44. Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22