Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 22:30-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Kuba ngawe ndigila impi,NgoThixo wam nditsiba iindonga.

31. UThixo yena — igqibelele indlela yakhe,Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazímela ngaye.

32. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?

33. UloThixo uligwiba lam elinamandla,Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;

34. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;

35. Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zigobe isaphetha sobhedu iingalo zam.

36. Ùndinike ingweletshetshe yosindiso lwakho,Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.

37. Ùwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.

38. Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise,Ndingabuyi zide ziphele.

39. Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki,Ziwe phantsi kweenyawo zam.

40. Ùndibhinqise ukukhaliphela imfazwe,Ùbaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.

41. Iintshaba zam uzenzé zandinikela ikhosi,Abandithiyayo ndababhangisa.

42. Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;KuYehova, angabaphenduli.

43. Ndibacola njengothuli lomhlaba,Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.

44. Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.

45. Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa,Bandithòbele besave ngeendlebe.

46. Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya,Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.

47. UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam,Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 22