Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 19:18-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,

19. wathi kukumkani, Inkosi yam mayingabàleli bugwenxa kum, ungakukhumbuli oko wakwenzayo umkhonzi wakho ngobugwenxa, ngalaa mini yaphuma ngayo inkosi yam ukumkani eYerusalem, ukuba ukumkani akubekele intliziyo oko.

20. Ngokuba umkhonzi wakho lo uyazi, ukuba wóna ngalaa nto; nanku, ndingowokuqala ofikileyo namhla wasendlwini yonke kaYosefu, ukuba ndihle ndiyikhawulele inkosi yam ukumkani.

21. Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtshabhisayo umthanjiswa kaYehova?

22. Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?

23. Wathi ukumkani kuShimehi, Akuyi kufa. Ukumkani wamqinisisa ngesifungo.

24. Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, engazihlambanga iinyawo zakhe, engazichazanga iindevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokumka kokumkani, kwada kwayimini yokufika kwakhe enoxolo.

25. Kwathi, ekufikeni kwakhe eYerusalem, eza kukhawulela ukumkani, wathi ukumkani kuye, Ibiyini na ukuba ungahambi nam, Mefibhoshete?

26. Wathi, Nkosi yam kumkani, umkhonzi wam lowa undikhohlisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kuzibophela iesile, ndikhwele kulo, ndihambe nokumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim usisiqhwala.

27. Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yènza okulungileyo emehlweni akho.

28. Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yímbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?

29. Wathi ukumkani kuye, Ùsathethela ntoni na ngeendawo zakho? Ndithe, Yahlulelanani ngomhlaba lowo wena noTsibha.

30. Wathi uMefibhoshete kukumkani, Makawuthabathe wonke, iselifikile nje inkosi yam ukumkani inoxolo endlwini yayo.

31. UBharzilayi waseGiliyadi wehla eRogelim, wawela nokumkani eYordan, ukuba amkhaphele phesheya kweYordan.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 19