Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 19:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwaxelwa kuYowabhi, kwathiwa, Nanko ukumkani elila, esenza isijwili ngoAbhisalom.

2. Usindiso lwajika lwaba sisijwili ngaloo mini ebantwini bonke; ngokuba abantu beva ngaloo mini kusithiwa, Ukumkani wenza isijwili ngonyana wakhe.

3. Abantu banyebeleza ngaloo mini ukungena kwabo phakathi komzi, njengokunyebeleza kwabantu abazihlazisileyo ngokusaba ekulweni.

4. Ke ukumkani wazigqubuthela ubuso, wahlahlamba ukumkani ngezwi elikhulu, wathi, Nyana wam, Abhisalom! Abhisalom, nyana wam, nyana wam!

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 19