Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 15:32-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Kwathi, akuya kufika uDavide encotsheni, apho bekusakuqutyudwa khona kuThixo, nanko uHushayi umArki emkhawulela, ekrazule ingubo yakhe, enomhlaba entloko.

33. UDavide wathi kuye, Ukuba uthe wagqithela nam, woba ngumthwalo kum;

34. ke ukuba uthe wabuyela kuwo umzi, wathi kuAbhisalom, Ndoba ngumkhonzi wakho, kumkani; ndibe ndifudula ndingumkhonzi kayihlo, ngoko ndingumkhonzi wakho: wònditshitshisela ke icebo lika-Ahitofele.

35. Àbanawe na apho uTsadoki noAbhiyatare ababingeleli? Kothi ke, yonke into othe wayiva endlwini yokumkani, uyixele kuTsadoki noAbhiyatare ababingeleli.

36. Yabona, bakho khona nabo oonyana babo bobabini, uAhimahatse okaTsadoki, noYonatan oka-Abhiyatare; nòlithumela ngesandla sabo kum lonke ilizwi enithe naliva.

37. Waya ke uHushayi, umhlobo kaDavide, kuwo umzi; uAbhisalom weza eYerusalem.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 15