Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 15:12-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. UAbhisalom wathumela, wabiza uAhitofele waseGilo, umphakathi kaDavide, emzini wakhe eGilo, ebingelela imibingelelo. Laba namandla elo yelenqe; kuba abantu baya besanda kuAbhisalom.

13. Kwafika umntu, wamxelela uDavide, esithi, Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zilandele uAbhisalom.

14. Wathi uDavide kubakhonzi bakhe bonke abenabo eYerusalem, Sukani sibaleke; ngokuba asiyi kuba nakusinda ebusweni buka-Abhisalom. Khawulezani simke, hleze akhawuleze, asifikele, asihlisele ububi, awuxabele umzi ngohlangothi lwekrele.

15. Bathi abakhonzi bokumkani kukumkani, Entweni yonke, eya kuyinyula inkosi yethu ukumkani, naba bekho abakhonzi bakho.

16. Waphuma ukumkani, indlu yakhe yonke imlandela. Ukumkani washiya ishumi lamashweshwe, ukuze ayigcine indlu.

17. Waphuma ke ukumkani, bemlandela abantu bonke; bema eBhete-meraki;

18. bonke abakhonzi bakhe behamba ecaleni lakhe, nabancinithi bonke, nezigidimi zonke, nabaseGati bonke: amakhulu amathandathu amadoda, awaye emlandela evela eGati, agqitha phambi kokumkani.

19. Wathi ukumkani kuItayi waseGati, Yini na ukuba nawe uhambe nathi? Buya, uhlale nokumkani; ngokuba ùngowasemzini, ungumfiki, buyela endaweni yakho;

20. ungáthi, ufiké izolo eli, ndikubhadulisè nanamhla, ndikuhambise nathi na, ndisiya apho ndingaya khona nje? Buya, ubuyise abazalwana bakho; inceba nenyaniso ibe nawe.

21. UItayi wamphendula ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, ihleli nje inkosi yam ukumkani, inene, endaweni eya kuba kuyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni, nokuba kusebomini, úya kuba lapho umkhonzi wakho.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 15