Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 12:9-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?

10. Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.

11. Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli.

12. Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.

13. Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.

14. Kodwa ke, ngenxa yokuba uziniké ithuba lokunyelisa iintshaba zika Yehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.

15. Waya uNatan endlwini yakhe.UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.

16. UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.

17. Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo.

18. Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, àkaliphulaphula ilizwi lethu; sòthini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?

19. Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana?

20. Bathi, Ufile. Wesuka uDavide emhlabeni, wazihlamba, wazithambisa, wanxiba ngubo zimbi, waya endlwini kaYehova, waqubuda; weza endlwini yakhe, wabiza ukudla; babeka phambi kwakhe, wadla.

21. Bathi abakhonzi bakhe kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo? Oko ebesahleli umntwana, wazila ukudla, walila; akuba efile umntwana, uvukile wadla ukudla.

22. Wathi yena, Xa ebesahleli umntwana, ndazila ukudla, ndalila; ngokuba bendisithi, Ngubani na owaziyo? Mhlawumbi uYehova angandibabala, aphile umntwana.

23. Efile nje kaloku, yini na ukuba ndibe ndisazila ukudla? Ndisenako yini na ukumbuyisa? Ndiya kuya kuye mna, yena akayi kubuyela kum.

24. UDavide wamthuthuzela uBhatshebha umkakhe; wangena kuye, walala naye; wazala unyana, wathi igama lakhe nguSolomon.*

25. Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya,* ngenxa kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 12