Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 12:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenzé le nto.

6. Iya kuyimisela ngesiné imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.

7. Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndákuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndákuhlangula esandleni sikaSawule,

8. ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.

9. Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?

10. Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.

11. Utsho uYehova ukuthi, Ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho, alale nabafazi bakho phambi kwelanga eli.

12. Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaSirayeli onke, naphambi kwelanga eli.

13. Wathi uDavide kuNatan, Ndonile kuYehova. Wathi uNatan kuDavide, Naye uYehova usikhwelelisile isono sakho, akuyi kufa.

14. Kodwa ke, ngenxa yokuba uziniké ithuba lokunyelisa iintshaba zika Yehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.

15. Waya uNatan endlwini yakhe.UYehova wamhlisela isifo umntwana abemzalelwe uDavide ngumkaUriya; wagula kakhulu.

16. UDavide wambongoza uThixo ngenxa yenkwenkwe leyo; uDavide wazila ukudla, waqungquluza emhlabeni bonke ubusuku.

17. Asuka ema amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma, akadla sonka nawo.

18. Kwathi ngomhla wesixhenxe, wafa umntwana. Boyika abakhonzi bakaDavide ukumxelela ukuba umntwana ufile; ngokuba babesithi, Yabonani, oko umntwana ebesahleli, sathetha naye, àkaliphulaphula ilizwi lethu; sòthini na ukuthi kuye, Ufile umntwana, aze enze into embi?

19. Wabona uDavide ukuba abakhonzi bakhe bayasebezelana, waqonda uDavide ukuba ufile umntwana; wathi uDavide kubakhonzi bakhe, Ufile na umntwana?

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 12