Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 12:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ke uYehova wamthanda; wathumela ngesandla sikaNatan umprofeti, wathi, Igama lakhe nguYedidiya,* ngenxa kaYehova.

26. Ke kaloku uYowabhi walwa neRabha yoonyana baka-Amon, wawuthimba umzi wakomkhulu lowo.

27. UYowabhi wathuma abathunywa kuDavide, esithi, Ndilwile neRabha, kananjalo ndiwuthimbile umzi wamanzi.

28. Hlanganisa ngoko abantu abaseleyo, uwurhawule umzi, uwuthimbe; hleze mna ndiwuthimbe lo mzi, ubizwe ngam.

29. Wabahlanganisa uDavide bonke abantu, waya eRabha, walwa nayo, wayithimba.

30. Wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe; ubunzima baso bebuyitalente* yegolide, sinamatye anqabileyo; saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi, aba maninzi kunene.

31. Ke abantu ababekhona wabarhola, wabathumela ezisarheni, nasezisizilweni zesinyithi, nasezierheni zesinyithi, wabasebenzisa emazikweni ezitena. Wenjenjalo kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuyela eYerusalem uDavide nabantu bonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 12