Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 1:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.

9. Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.

10. Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.

11. Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;

12. bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.

13. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.

14. Wathi uDavide kuyo, Ùtheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?

15. UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.

16. Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho úlingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.

17. Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,

18. wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 1