Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 1:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Nina zintaba zaseGilibhowa,Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo;Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha,Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.

22. Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha,Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva,Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.

23. USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi,Nasekufeni kwabo abahlukananga.Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga,Babenamandla ngaphezu kweengonyama.

24. Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule,Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa;Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.

25. Hayi, ukuwa kwamagorha phakathi kwemfazwe!UYonatan ubulawelwe emimangweni yakho

26. Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan;Ùbumnandi kakhulu kum;Kubalukekile ukundithanda kwakhoNgaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.

27. Hayi, ukuwa kwamagorha!Adakile amadoda okulwa!

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 1