Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 1:11-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;

12. bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.

13. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.

14. Wathi uDavide kuyo, Ùtheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?

15. UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.

16. Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho úlingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.

17. Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,

18. wathi mabayifundiswe oonyana bakaYuda ingoma leyo yesaphetha; nantso ibhaliwe encwadini yOthe Tye.

19. Imbalarha, Sirayeli, ibulewe emimangweni yakho!Hayi, ukuwa kwamagorha!

20. Musani ukuxela eGati;Musani ukwenza zindaba ezitratweni zeAshkelon,Hleze zivuye iintombi zamaFilisti,Hleze zivuyelele iintombi zabangalukileyo.

21. Nina zintaba zaseGilibhowa,Makungaze kubekho mbethe, makungaze kubekho mvula kuni, namasimi emirhumo;Ngokuba khona kwangcola iingweletshetshe zamagorha,Ingweletshetshe kaSawule, wanga waye engathanjiswanga ngeoli.

22. Egazini labahlatyiweyo, emanqatheni amagorha,Isaphetha sikaYonatan besingabuyi umva,Ikrele likaSawule belingabuyi lilambatha.

23. USawule noYonatan babeziinzwana, bethandeka ekudleni kwabo ubomi,Nasekufeni kwabo abahlukananga.Babenamendu ngaphezu kwamaxhalanga,Babenamandla ngaphezu kweengonyama.

24. Zintombi zakwaSirayeli, mlileleni uSawule,Obenambesa iingubo ezibomvu, eniyolisa;Obeninxiba izihombo zegolide ezambathweni zenu.

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 1