Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Usamuweli 1:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi emva kokufa kukaSawule, uDavide ebuyile ekuwabulaleni ama-Amaleki, wahlala uDavide eTsikelage imihla emibini.

2. Kwathi ke ngomhla wesithathu, kwabonakala kuvela indoda emkhosini, kuSawule, zikrazukile iingubo zayo, inomhlaba entloko; kwathi ekuzeni kwayo kuDavide, yawa emhlabeni, yaqubuda.

3. Wathi uDavide kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, Ndisabe emkhosini wamaSirayeli.

4. Wathi uDavide kuyo, Kuthekeni na? Khawundixelele. Yathi, Hayi, babalekile abantu ekulweni; kananjalo kuwé into eninzi yabantu, yafa; kananjalo uSawule, noYonatan unyana wakhe, babulewe.

5. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Wazi ngani na, ukuba uSawule ufile, noYonatan unyana wakhe?

6. Yathi indodana ebimxelela, Kuthe ukuthi gaxa kwam, ndafika ezintabeni zaseGilibhowa; nanku uSawule ayame ngentshuntshe yakhe; nabo abeenqwelo zokulwa nabamahashe bethene mbende naye.

7. Uthe akubheka, wandibona, wandibiza; ndathi, Sendikho.

8. Wathi kum, Ungubani na? Ndathi kuye, NdingumAmaleki.

9. Wathi kum, Khawume phezu kwam, undibulale, ngokuba ndiphelelwe; kuba andikafi kanye.

10. Ndema phezu kwakhe, ndambulala; ngokuba bendisazi ukuba akayi kuba saphila emva kokuwa kwakhe. Ndathabatha isithsaba esibe sisentlokweni yakhe, nesacholo esibe sisengalweni yakhe; ndizise zona apha kwinkosi yam.

11. Wazibamba uDavide iingubo zakhe, wazikrazula, kwanamadoda akhe onke abenawo;

12. bammbambazelela, balila, bakuzila ukudla kwada kwahlwa, ngenxa kaSawule, nangenxa kaYonatan unyana wakhe, nangenxa yabantu bakaYehova, nangenxa yendlu kaSirayeli; ngokuba bewile likrele.

13. Wathi uDavide kwindodana ebimxelela, Ungowaphi na? Yathi, Ndingunyana wendoda engumhambi, umAmaleki.

14. Wathi uDavide kuyo, Ùtheni ukuba ungoyiki ukusa isandla sakho, umbulale umthanjiswa kaYehova?

15. UDavide wabiza enye yakumadodana, wathi, Sondela, uyibulale. Yayixabela ke, yafa.

16. Wathi ke uDavide kuyo, Igazi lakho malibe sentlokweni yakho; ngokuba umlomo wakho úlingqina ngawe, usithi, Mna ndimbulele umthanjiswa kaYehova.

17. Ke kaloku uDavide wasenza esi simbonono ngoSawule nangoYonatan unyana wakhe,

funda isahluko epheleleyo 2 Usamuweli 1