Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 9:29-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.

30. Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.

31. Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho?

32. Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu.

33. Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo.

34. Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.

35. Baya kumngcwaba; abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela.

36. Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli,

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 9