Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 9:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;

2. ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;

3. uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.

4. Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.

5. Wafika ke, nabá abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthethelimkhosi.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 9