Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 9:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi;

2. ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi;

3. uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali.

4. Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi.

5. Wafika ke, nabá abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthethelimkhosi.

6. Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Útsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli.

7. Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele;

8. idàke yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.

9. Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya;

10. zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo.Waluvula ucango, wasaba.

11. Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa níni, kwanokuthethathetha kwayo.

12. Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Ùthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 9