Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram.* Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.