Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 7:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi.

12. Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzímela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi.

13. Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), síwathume sibone.

14. Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona.

15. Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani.

16. Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova.

17. Ukumkani wamphathisa isango umphathi-mkhosi abesayama esandleni sakhe. Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo, owathetha ekuhlèni kokumkani, esiza kuye.

18. Kwenzeka ke njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo kukumkani, esithi, Iiseha ezimbini zerhasi zoba zezeshekele, iseha yomgubo ocoliweyo yoba yeyeshekele, eli xa ngomso, esangweni lakwaSamari;

19. ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenzé iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, ùya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo.

20. Kwaba njalo ke kuye; bamnyathela abantu esangweni, wafa.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 7