Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 6:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.

25. Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere,* nesahlulo sesiné sekabhe* yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.

26. Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.

27. Wathi yena, Engakusindisi nje uYehova, ndokusindisa ngantoni na mna? ngesandá, ngesixovulelo sediliya, kusini na?

28. Wathi ukumkani kuyo, Ùhlelwe yintoni na? Wathi, Lo mfazi uthe kum, Ndínike unyana wakho, sidle yena namhla, sidle unyana wam ngomso.

29. Sampheka ke unyana wam, samdla; ndathi kuye ngomhla olandelayo, Ethe unyana wakho, simdle; wamzimeza unyana wakhe.

30. Kwathi, akuweva ukumkani amazwi entokazi leyo, wazikrazula iingubo zakhe; wayedlula phezu kodonga. Bakhangela abantu, nanko eneengubo ezirhwexayo ngaphantsi kwezinye enyameni yakhe.

31. Wathi, Makenjenje kum uThixom, aqokele ukwenjenje, ukuba intloko kaElisha, unyana kaShafati, iya kuma phezu kwakhe namhla.

32. UElisha ke ubehleli endlwini yakhe, namadoda amakhulu ebehleli naye. Ukumkani wathuma indoda ebusweni bakhe. Engekafiki umthunywa lowo kuye, wathi yena kumadoda amakhulu, Niyabona na, ukubo lo nyana wombulali uthuméle ukuba ndisuswe intloko? Niyabona, akufika umthunywa lowo, luvaleni ucango, mintyhale ngocango; naso isingqi seenyawo zenkosi yakhe sisemva kwakhe.

33. Esathetha nawo, nanko umthunywa lo esihla esiza kuye. Wathi ukumkani, Yabona, obu bubi buphuma kuYehova; ndisamlindele ngani na uYehova?

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 6