Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 6:20-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.

21. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuElisha, akubabona, Ndibaxàbele na, ndibaxàbele na, bawo?

22. Wathi yena, Uze ungabaxabeli. Obathimbileyo ngekrele lakho nesaphetha sakho ubungábaxabelayo na? Beka isonka namanzi phambi kwabo, badle, basele, bahambe, baye enkosini yabo.

23. Wabenzela isidlo esikhulu; badla basela; wabandulula, bahamba baya enkosini yabo. Akaba saphinda amatutu ama-Aram ukulingena ilizwe lamaSirayeli.

24. Kwathi emva koko, wayihlanganisa uBhen-hadade, ukumkani wakwa-Aram, yonke impi yakhe, wenyuka wawungqinga umzi wakwaSamari.

25. Kwabakho ke indlala enkulu kwaSamari. Yabona, bawungqinga ke, yada intloko ye-esile yathengiswa ngamashumi osibhozo eeshekele zesilivere,* nesahlulo sesiné sekabhe* yendlelo yamavukuthu saba sisihlanu sesilivere.

26. Kwathi, edlula ukumkani wakwaSirayeli phezu kodonga, intokazi yamemeza kuye, isithi, Sindisa, nkosi yam, kumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 6