Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 4:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi.

13. Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, ùsinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.

14. Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele.

15. Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango.

16. Wathi, Mayela neli xesha nyakenye ùya kusingatha unyana. Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho.

17. Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye.

18. Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni.

19. Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina.

20. Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke.

21. Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma.

22. Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye.

23. Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Àkuthwase nyanga, àsiyisabatha. Wathi yena, Kulungile.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 4