Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 25:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem.

9. Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo.

10. Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu.

11. Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu.

12. Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi.

13. Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obe lusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli ubhedu lwazo.

14. Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebe kulungiselelwa ngazo.

15. Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere;

16. neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 25