Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 25:15-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere;

16. neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke.

17. Ukuphakama kwenye intsika bekuziikubhite* ezilishumi elinesibhozo, ingqukuva yayo iyeyobhedu; ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintathu; umnatha neerharnate ezibe zisengqukuveni ngeenxa zonke, yonke loo nto yabe ilubhedu; intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye nomnatha wayo.

18. Umphathi wabasiki babantu wamthabatha uSeraya, umbingeleli oyintloko, noZefaniya, umbingeleli wolwesibini udidi, nabagcini-mnyango bobathathu.

19. Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.

20. Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umphathi wabasiki babantu, wabása kukumkani waseBhabheli eRibhela.

21. Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulalela eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo.

22. Ke abantu abasaláyo ezweni lakwaYuda, awabasalisayo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wabamisela umphathi onguGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.

23. Bakùva ke bonke abathetheli bemikhosi, bona namadoda abo, akuba ukumkani waseBhabheli umenze umphathi uGedaliya, beza kuGedaliya lowo eMizpa; bengooIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKareha, noSeraya, unyana kaTanumete waseNetofa, noYahazaniya unyana kaMahakati, bona namadoda abo.

24. Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo, Musani ukuboyika abakhonzi bamaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela.

25. Ke kaloku kwathi ngenyanga yesixhenxe, kweza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yookumkani, enamadoda alishumi, bamxabela uGedaliya, wafa, namaYuda namaKaledi abenaye eMizpa.

26. Besuka ke bonke abantu, bethabathela komncinane bezisa komkhulu, nabathetheli bemikhosi, baya eYiputa; ngokuba babewoyika amaKaledi.

27. Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo: uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.

28. Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yangaphezu kwetrone yookumkani ababenaye eBhabheli.

29. Zakhululwa iingubo zakhe zasentolongweni, wamana ukudla isonka phambi kwakhe yonke imihla yokuphila kwakhe.

30. Wawunikwa umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, uvela kukumkani: into yemini ngangemini yayo, yonke imihla yokuphila kwakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 25