1. Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wákha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke.
2. Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya.
3. Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesiné yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe.