Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 23:22-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ngokuba bekungazanga kwenziwe pasika ngokwale pasika, kususela kwimihla yabagwebi ababelawula amaSirayeli, nangemihla yonke yookumkani bakwaSirayeli, nookumkani bakwaYuda.

23. Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukwenziwa kwale pasika kuYehova eYerusalem.

24. Kananjalo ke abaneshologu, noosiyazi, nemilonde-khaya, nezigodo ezizizithixo, neento zonke ezinezothe, ezibe zibonwa ezweni lakwaYuda naseYerusalem, wazitshayela uYosiya, ukuze amise amazwi omyalelo abhaliweyo encwadini abeyifumene uHilekiya umbingeleli endlwini kaYehova.

25. Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.

26. Akabuyanga noko uYehova ekuvutheni komsindo wakhe omkhulu, umsindo wakhe owavutha kumaYuda, ngenxa yokuqumbisa konke abequmbise ngako uManase.

27. Wathi uYehova, Ndiya kuwasusa namaYuda ebusweni bam, njengokuba ndawasusayo amaSirayeli, ndiwulahle lo mzi ndawunyulayo, iYerusalem le, nendlu le ndàthi, Liya kuba kuyo igama lam.

28. Ezinye izinto zikaYosiya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

29. Ngemihla yakhe wenyuka uFaroneko, ukumkani waseYiputa, waya kulwa nokumkani waseAsiriya, emlanjeni ongumEfrati. Wahamba ukumkani uYosiya, waya kumhlangabeza; wambulala eMegido, akumbona.

30. Bamthwala ngenqwelo abakhonzi bakhe, efele eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 23