Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 23:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathumela ukumkani; ahlanganiselana kuye onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.

2. Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem kunye naye, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu. Wawalesa ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso eyafunyanwa endlwini kaYehova.

3. Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.

4. Ukumkani wamwisela umthetho uHilekiya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bolwesibini udidi, nabagcinimnyango, wokuba bazikhuphe ebhotweni likaYehova zonke iimpahla ezaye zenzelwe uBhahali,* noAshera,* nomkhosi wonke wezulu. Wazitshisela ngaphandle kweYerusalem emaphandleni aseKidron, uthuthu lwazo walúsa eBheteli.

5. Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.

6. Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.

7. Wazidiliza izindlu zamang'awu ezibe zisendlwini kaYehova, apho amankazana abemlukela khona uAshera iintente.

8. Wabathabatha bonke ababingeleli emizini yakwaYuda, wazenza inqambi izigánga, apho babeqhumisela khona ababingeleli, ethabathela eGebha ase eBher-shebha, wazidiliza izigánga zamasango, ezisekungeneni kwesango likaYoshuwa, umphathi womzi, nezisekhohlo komntu ongena esangweni lomzi.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 23